UKristu Engomeni · Christ in Song IsiXhosa
161. Mna ne-Nkosi Yam
Ndino-Mhlobo wodidi, Ndimthanda kakhulu,
Undithantasa ngothando, Uthembekile kum;
’Ndinge hlali kude naYe, Ndingaba kufuphi,
Ngoko sihlala kunye ne-Nkosi yam.
Ndiyatyhafa, ndidinwe, Undazi ndingento,
Az’ andayamise kuye, ena luncedo lwam;
Nguy’ ondikhokhel’ endlelen’, Kukhanye kamnandi;
Ngoko sihamba kunye ne-Nkosi yam.
Ndimxela zonk’ intsizi, Kwa nokuvuya kwam,
Nako ukukholiswa kwam, Nokukhathazayo;
Yena uthi mandenze nje, Nohlobo lokwenza,
Ngoko sithetha kunye ne-Nkosi yam.
Uyalaz’ unxano lwam, Lokuzuza umntu,
Uthi ngoko andithume, Ngelizwi lothando,
Ndazise ngothando lwakhe, Nangokufa kwaKhe,
Sisebenza kunye-ke ne-Nkosi yam.
Help keep these hymns free
Your donation can help maintain the website, improve accessibility and keep the hymns freely available.
♥ DonateHymn details
Hymnal: UKristu Engomeni
Search name: Christ in Song IsiXhosa
Language: IsiXhosa
Hymn number: 161
Permanent page: number and title URL
This page preserves Mna ne-Nkosi Yam as Hymn 161 in UKristu Engomeni. It is part of the Christ in Song IsiXhosa collection within a multilingual Adventist hymn archive built for reading, searching, sharing and comparing hymn traditions across languages.
Use the previous and next buttons to continue through this hymnal, or return to the collection page to search by number and title. The reading tools above let you adjust text size, save favourites and share the hymn with others.
Reading and preservation note
Historic and regional hymn texts can contain spelling differences, older punctuation, local wording and transcription variations. This archive keeps the hymns searchable while allowing future corrections and improvements to be made carefully.