Christ in Song Christ in Song IsiXhosa

UKristu Engomeni · Christ in Song IsiXhosa

267. Masihlwayele Imbewu Yokulunga

Masikhe iintyatyambo ezintle ngasendleleni;
Masibuthe ingqolowa siwulahle umdiza.
Masizonwabise ngentsikelelo zale mini;
Ngesandla esicengayo masisuse ameva.

*CHORUS
Sifaka imbew’ entle, Imbewu yokulunga,
Phambili sakuvuna Isiqhamo esihle.*

Xa sisiv’ ingom’ emnandi, Siqonda yakuphela;
Asinalwazi ngobuhle Bude budlule bonke.
Liyadlula ihlobo Singabuboni ubuhle,
Sekungathi bubusika Xa kusiwa ikhephu.

Ukuthamba kwabancinci Nako kunesiphelo;
Izandla ezincinci Zoyek’ ukukhathaza,
Sibonakala sinjani Kumehlo ezihlobo?
Silindelwe kokubi na Endaweni yokuhle?

Ezo zandla zincinci Zisikhumbuza emva,
Kuzo izenzo namazwi Esazenza kudala.
Ngoku sesikhumbula, Xa sisenza umsebenzi,
Masihlwayele okuhle Ukuze sikuvune.

Help keep these hymns free

Your donation can help maintain the website, improve accessibility and keep the hymns freely available.

Hymn details

Hymnal: UKristu Engomeni

Search name: Christ in Song IsiXhosa

Language: IsiXhosa

Hymn number: 267

Permanent page: number and title URL

This page preserves Masihlwayele Imbewu Yokulunga as Hymn 267 in UKristu Engomeni. It is part of the Christ in Song IsiXhosa collection within a multilingual Adventist hymn archive built for reading, searching, sharing and comparing hymn traditions across languages.

Use the previous and next buttons to continue through this hymnal, or return to the collection page to search by number and title. The reading tools above let you adjust text size, save favourites and share the hymn with others.

Reading and preservation note

Historic and regional hymn texts can contain spelling differences, older punctuation, local wording and transcription variations. This archive keeps the hymns searchable while allowing future corrections and improvements to be made carefully.