UKristu Engomeni · Christ in Song IsiXhosa
269. UMsindisi Ongumangaliso
NdinoMsindisi, uYesu iNkosi, Yena unguMangaliso;
Ufihl’ umphefumlo wam kwelo Liwa, Apho ndonwaba kakhulu.
*CHORUS
Undigcina ndiphantsi kwelo Liwa, Lisith’ izwe lembalela;
Ufihl’ ubomi bam Ngothando lwaKhe, Ndigcinwe sisandla saKhe.
Ndigcinwe sisandla saKhe.*
NdinoMsindisi, uYesu iNkosi, Ususa imithwalo yam;
Undibamba ndingashukunyiswa nto, Ndomelezwa yonk’ imihla.
Lonk’ ixesha undiph’ intsikelelo, Ndizaliswe ngobungcwele;
Ngovuyo ndihlabel’ ingom’ emnandi, "Udumo ngoMkhululi wam!"
Xa ndambathiswe ngokukhanya kwaKhe, Ndimhlangabeza efini,
Ndovum’ ingoma ngosindiso lwaKhe, Nangothando olukhulu.
Help keep these hymns free
Your donation can help maintain the website, improve accessibility and keep the hymns freely available.
♥ DonateHymn details
Hymnal: UKristu Engomeni
Search name: Christ in Song IsiXhosa
Language: IsiXhosa
Hymn number: 269
Permanent page: number and title URL
This page preserves UMsindisi Ongumangaliso as Hymn 269 in UKristu Engomeni. It is part of the Christ in Song IsiXhosa collection within a multilingual Adventist hymn archive built for reading, searching, sharing and comparing hymn traditions across languages.
Use the previous and next buttons to continue through this hymnal, or return to the collection page to search by number and title. The reading tools above let you adjust text size, save favourites and share the hymn with others.
Reading and preservation note
Historic and regional hymn texts can contain spelling differences, older punctuation, local wording and transcription variations. This archive keeps the hymns searchable while allowing future corrections and improvements to be made carefully.