UKristu Engomeni · Christ in Song IsiXhosa
346. Namhla Nje Ndivuyile mna
Namhlanje ndivuyile mna Ngalo ithamsanqa lam;
Balingane, nithini na? Manise nivuya nam.
Nkosi, ndiya kudumisa, Ngokuba undifundisa;
Ndaye ndiya kuzoyisa Zonke ezincwadi zam.
Xa ndihleli eskuleni, Kuba mnandi futhi kum;
Xa ndingen’ etyalikeni, Ovuyayo oko ndim.
Nkosi, ndiya kudumisa, Ngokuba undifundisa;
Ndaye ndiya kuzoyisa Zonke ezincwadi zam.
Kwelalizwe lakowethu Ezincwadi asazaz’;
Babehlel’ obawo bethu; Oluvuyo bengalwaz’.
Nkosi, ndiya kudumisa, Ngokuba undifundisa;
Ndaye ndiya kuzoyisa Zonke ezincwadi zam.
Mandihlale ndibulela Ngalo ithamsanqa lam,
Kude kube kukuphela Kokuhlala apha kwam.
Nkosi, ndiya kudumisa, Ngokuba undifundisa;
Ndaye ndiya kuzoyisa Zonke ezincwadi zam.
Help keep these hymns free
Your donation can help maintain the website, improve accessibility and keep the hymns freely available.
♥ DonateHymn details
Hymnal: UKristu Engomeni
Search name: Christ in Song IsiXhosa
Language: IsiXhosa
Hymn number: 346
Permanent page: number and title URL
This page preserves Namhla Nje Ndivuyile mna as Hymn 346 in UKristu Engomeni. It is part of the Christ in Song IsiXhosa collection within a multilingual Adventist hymn archive built for reading, searching, sharing and comparing hymn traditions across languages.
Use the previous and next buttons to continue through this hymnal, or return to the collection page to search by number and title. The reading tools above let you adjust text size, save favourites and share the hymn with others.
Reading and preservation note
Historic and regional hymn texts can contain spelling differences, older punctuation, local wording and transcription variations. This archive keeps the hymns searchable while allowing future corrections and improvements to be made carefully.