UKristu Engomeni · Christ in Song IsiXhosa
5. Kude Kangakanani ne-Khaya
Kuse kude na ekhaya? Ndabuza umlindi wathi,
"Ubusuku buya phela, Kufuphi ukusa;
Ngako ungabi sakhala, kodwa khawuleza uhambe,
Wofika ekukhanyeni okungapheliyo."
Ndabuza kumphumi-mkhosi; nantsi impendulo yakhe,
"Ndiza kulwa ngesibindi, ikrele likhanya;
Ngako ungabi sakhala, ncekelela edabini,
Umvuzo uya kubaKho Xa woyisile."
Ndibuzile endalweni, Zonke zitsho ngazwi linye,
"Ixesha liya gqibela, Likufuph’ ikhaya.
Ngako ungabi sakhala, iziboniso ziyanda
Jikelele zimemeza, Iyeza iNkosi."
Ekhaya akuse kude! Yinkumbulo entle leyo!
Cwayita mhambi, zisule inyembezi ezo;
Ngako ungabi sakhala, Kuba sohlangana khona
Iinkathazo ziphelile phaya ezulwini.
Help keep these hymns free
Your donation can help maintain the website, improve accessibility and keep the hymns freely available.
♥ DonateHymn details
Hymnal: UKristu Engomeni
Search name: Christ in Song IsiXhosa
Language: IsiXhosa
Hymn number: 5
Permanent page: number and title URL
This page preserves Kude Kangakanani ne-Khaya as Hymn 5 in UKristu Engomeni. It is part of the Christ in Song IsiXhosa collection within a multilingual Adventist hymn archive built for reading, searching, sharing and comparing hymn traditions across languages.
Use the previous and next buttons to continue through this hymnal, or return to the collection page to search by number and title. The reading tools above let you adjust text size, save favourites and share the hymn with others.
Reading and preservation note
Historic and regional hymn texts can contain spelling differences, older punctuation, local wording and transcription variations. This archive keeps the hymns searchable while allowing future corrections and improvements to be made carefully.