UKristu Engomeni · Christ in Song IsiXhosa
326. Uyeza Ephahlwe Yimikhosi
Uyeza! Uyeza! ephahlwe yimikhosi,
Kwa lowo ubefela aboni emhlabeni,
Uyeza! Uyeza! ephahlwa ziingelosi,
Zimphahla ngamawaka esebungcwaliseni.
Uyeza! Uyeza! usiza emgwebeni,
Yivani ixilongo livus’ abantu bonke,
Bovuka ngokwalama bavuke ekufeni,
Bamiswe phambi kwakhe owazi into zonke.
Uyeza! Uyeza! intshaba ziye phina,
Ezazimbandezela ephantsi emhlabeni?
Engu-Kumkani ngoku, seziya kuthinina?
Zokhal’ ezintabeni, "Zintaba siweleni!"
Uyeza! Uyeza! incwadi zivuliwe,
Izizwe zonke zimi ukuv’ ilizwi lakhe;
Lilizwi lomgqibelo, kobonwa xa liviwe,
Akukho ukusinda ekugwebeni kwakhe.
Uyeza! Uyeza! ebukwa ngabangcwele,
Engu-Mkhululi wabo owehla emafini;
Bonyuka kunye Naye ndawonye nezihlwele,
Emveni kokugweba, ukuya ezulwini.
Help keep these hymns free
Your donation can help maintain the website, improve accessibility and keep the hymns freely available.
♥ DonateHymn details
Hymnal: UKristu Engomeni
Search name: Christ in Song IsiXhosa
Language: IsiXhosa
Hymn number: 326
Permanent page: number and title URL
This page preserves Uyeza Ephahlwe Yimikhosi as Hymn 326 in UKristu Engomeni. It is part of the Christ in Song IsiXhosa collection within a multilingual Adventist hymn archive built for reading, searching, sharing and comparing hymn traditions across languages.
Use the previous and next buttons to continue through this hymnal, or return to the collection page to search by number and title. The reading tools above let you adjust text size, save favourites and share the hymn with others.
Reading and preservation note
Historic and regional hymn texts can contain spelling differences, older punctuation, local wording and transcription variations. This archive keeps the hymns searchable while allowing future corrections and improvements to be made carefully.